Iindaba Ezilungileyo

NGOYESU KRESTU

Ngemiqathango Emihlanu

1

IZULU SISIPHO SESIHLE.
ALISETYENZELWA KWAYE ASILOLUNGELO.

*

Yintseni yemini yokuzalwa kwakho. Umama wakho ukothusa ngesipho sexabiso ungalindelanga, imfonomfono eyiyi iPhone, yhuu! "Ndiyabulele mama torho," utsho wena ufikelela epokothweni ukhangela itshintshi yokubhatala umamakho. Ingaba isesisipho na xa ubhatala? Hayi, ayisesosipho, seyisisithuko kumamakho.

Masithi utata ufuna ukukhuthaza intombi yakhe eselula ukuba isebenze kakuhle esikolweni, athi kuyo, "Ukuba ufumana amanani aphezulu esikolwenikulo nyaka, ndokuthengela imoto ngeKrismes."

Ukuphela konyaka uwafumene amanqanaba aphezulu kwizifundo zakhe zonke, utata wakhe ulizalisekile ilizwi lakhe wayithenga imoto. Ingaba sisipho eso? Hayi, ngumvuzo womsebenzi wakho.

Isipho masinikezelwe ngokukhululeka, samkelwe ngokukhululeka. Xa sekufuneka usihlawulele wenze into ukubuyisa obukwenzelwe, ayisesosipho.

Ibhayibhile isixelela ukuba izulu (nobomi obungunaphakade) sisipho sesihle:

Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.

KwabaseEfese 2:8-9

Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

KwabaseRoma 6:23

Akakho umntu ongakwazi ukuzithengela indawo ezulwini.

Oku kungoba…

2

UMNTU NGUMONI.
AKAKWAZI UKUZISINDISA.

*

Masithi wenza I omelette efuna amaqanda amathandathu. Ngalinye ngalinye uwaqhekezela esityeni.

Xa ukwelesithandathu, wothuswa livumba elibi eliphuma xa kanye eli lokugqibela liwela esityeni. Ujika intloko, uvale impumlo. Iqanda lokugqibela libolile.

Akukho nto ongayenza unyanzelekile ulahle yonke loo nto. Nangona amahlanu elungile, eli linye libolileyo limosha onke la mahlanu alungileyo.

Njengoko ungenakuphakela usapho lwakho amaqanda abolileyo, asinako ukunika uThixo ongcwele ubomi obungcolileyo, nangesono esinye, silindele ukuba asamkele.

Inqanaba lika Thixo liphezulu kakhulu. Kuye ukucaphuka kuyafana nokubulala, ingcinga yenkanuko yinto enye nokukrexeza. Asoni ngokwenza kodwa - sona nangokucinga, ngokuthetha, ngokwenza, nokungenzi oko kufanelekileyo emehlweni ka Thixo.

...kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo.

KwabaseRoma 3:23

"Kodwa ndingumntu olungileyo," uyazicingela. Ndinenkathalo ngosapho lwam. Ndiyanikela ngexesha lokuncedisa ekuhlaleni. Andebi kwaye andenzi nto ebuhlungu emntwini. Ndifanele ukuba ndilingene izulu.

Ukuba ufuna ukungena ezulwini ngokuzama ukuphila ubomi obulungileyo, yiyo le indlela uYesu athi kufuneka ube ngayo:

Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.

uMateyu 5:48

Izinga lokungena ezulwini kukgqibelela kweengcinga nezenzo. Ngamafutshane, funeka ube ulunge kanye ngalendlela Uthixo alunge ngayo. Kuyinto engezekiyo ukuba umntu afikelele kweli nqanaba.

Kwaye, imisebenzi yethu elungileyo ayinako ukusisindisa ngoba...

3

UTHIXO UNOTHANDO KWAYE ULUNGILE.

*

Yiba nombono wendoda eyathi ngenxa yentlupheko yagqiba ekubeni iyoqhekeza ebhankini, uye ngqo ekhawuntreni sele ebakhombe ngompu efuna imali ngelizwi elirhabaxa. Ngoloyiko olukhulu obekhonjwe ngompu wamnika yonke imali.

Uyitshovele kwinxili yenkunkuma ngokungxama waphuma ngokukhawuleza. Uye wakhubeka esaphuma wawa phantsi umpu wataka pha. Oonogada bebhanki bawa phezu kwakhe bambamba.

Enkundleni kaMantyi, iJaji ibuze umthyholwa, "Uyalivuma na ityala?"

"Ndonile," uyavuma etsholo phantsi. Akakwazi kukhetha kumbi ngoba ityala liyamlahla.

"Mhlekazi," aqhubeke ummangalelwa, "ndiyaqala ukona. Andonzakalisanga mntu, Ibhanki iyifumene yonke imali. Ndicela ukwazi ukuba ungalibala na ngale nto ndiyenzileyo undivumele ndihambe?"

Ingaba ayilunganga ijaji xa inongamvumeli ahambe? Akanawube akalunganga, kaloku ijaji kufuneka alandele imiqathango yomthetho. Umthetho uvumela ukuba indoda enetyala yohlwaywe.

Uthixo ulunge kakhulu kune Jaji engumntu. Angekhe amenze msulwa onetyala.

...uThixo uluthando.

1 uYohane 4:8

Uthixo uthi yena angekhe amenze msulwa onetyala.

IEksodos 34:7

Uthixo unenceba kwaye akafuni ukuba asohlwaye. Uthixo ulungile kwaye umelwe kukusohlwaya isono. Le nto idala ingxaki.

Uthixo wayisombulula le ngxaki yethu ngomntu ongu Yesu Krestu...

4

UYESU UNGUTHIXO ABE KWANGUYE UMNTU.
WAGWETYELWA IZONO ZETHU.

*

Uyesu unguThixo esiqwini somntu, akanguye nje umntu olungileyo, umprofeti okanye umfundisi.

Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo...ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

uYohane 1:1,14

Uthixo uyasithanda kodwa uyazicaphukela izono zethu. Ulangazelela ukonwabela ubudlelane nathi. Kodwa izono zethu ziba ludonga olusahlula naye.

Ukuxazulula le ngxaki, uThixo wathabathela zonke izono ezadlulayo ezikhoyo, kwanazo zonke ezisezayo wazibeka ku Yesu. Wabe uYesu wohlwayelwa zonke ezo zono zethu.

Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.

uIsaya 53:6

UYesu wanikelwa ezandleni zamadoda anobulwanyane awambetha amhlaza. Bamkhahlela nganqindi, bamqhwaba,bamtshicela. Inyama yakhe yayinamanxeba ibethiwe - ngesabhokhwe sentsimbi.

Ehlekwa luluntu lonke, wathweswa isithsaba sameva entloko. Bambethelela ngezikhonkwane ezandleni nase zinyaweni - bamxhoma emnqamlezweni.

Ekugqibeleni, akube ebhatalele nesokugqibela isono wathi uYesu, "TETELESTAYI". Izwi lamandulo loshishino elithetha ukuba: Libhatelwe ityala.

UYesu wafa. Kodwa ngosuku lwesithathu uThixo wamvusa kwabafileyo.

Le nto ithethe ukuba izono zakho sele zagwetywa. Nto nje azizange zigwetyelwe emzimbeni wakho.

UYesu wafa emnqamlezweni ukusihlawulela umvuzo wezono zethu nokusithengela indawo ezulwini. Indawo asinika yona njengesipho sesihle.

Njengoba isepha ikhona kodwa iwucoca umzimba xa uthe wayithatha wahlamba ngayo - isipho esingunaphakade sikhona kodwa sisebenza xa usamkela.

Esi sipho usifumana ngokukholwa...

5

UKHOLO SISITSHIXO SOKUVULA UMNYANGO WEZULU.

*

Isihlanguli sobomi esijinga ebondeni.

Ukuze ndingene kwi account yakho yase bhankini ndidinga inombolo zakho ezifihlakeleyo. Ndingazizama kaninzi ezi nombolo, kodwa eyona ingeyakho ngokwenene yiyo eyondivulela. Ukholo olusindisayo lulo lodwa olusivulela izulu.

Yintoni ukholo olusindisayo?

Usonzululwazi angazi lukhulu ngamanzi kodwa ukuba ukhasa entlango esifa lunxano, ulwazi olusengqondweni yakhe aluyi kumhlangula. Kufuneka asele amanzi. Ulwazi olusengqondweni oluthi uThixo ukhona asilulo ukholo oluhlangulayo.

Xa sizakuba nohambo siye sithandaze ukuba uThixo asikhusele okanye ngaphambi koba sibhale iimviwo ukuze asincede. Ukujonga kuThixo xa udinga izinto qha okanye usengxakini, olo lukholo lomzuzwana.

Ukholo olusindisayo asilowazi nje ngengqondo ukuba uThixo ukhona ingelulo ukholo lwexeshana. Ukholo olusindisayo kukwethemba uxhomekeke kuKrestu yedwa ongumsindisi.

Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?
Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.

IZENZO 16:30-31

Zibone uhamba ngesikhephe. Ubambeke kwisivunguvungu soqhwithelo esiyingozi.Amaza anamandla ophula isikhephe sakho esincinane. Uphela usemanzini abandayo ubambelele kwisikhuni esingengakanani uthembe sona ukuba sikusindise.

Sikhephe sithile sikubone, size kuwe ngokukhawuleza, igosa lesikhephe likukhwaze lithi, "Bambelela kule ntambo ukuze thina sikutsalele enxwemeni."

Ngandlel nye, uThixo usibona siseyela ezonweni zethu. Asinamandla okuzihlangula thina. Yiyo loo nto esibiza esithi, "Ndikuphosela umgcini wobomi, igama lakhe nguYesu. Luyeke ukhuni. Bambelela kuye ndizakutsalela ebomini obungunaphakade."

Kumele ukuba sikhethe - ukuba sibambelela kolo khuni (sizame ukuzihlangula) okanye ukuyekela sithembele ku Yesu ukuba asihlangule.

UYesu nguye yedwa indlela eyisa kubomi obungunaphakade. Ungumgcini bomi bukaThixo. Ukuze ufumane isipho sobomi obungunaphakade, kufanele ukuba sibeke ithemba nokholo lwethu kuYesu Krestu yedwa.

INGABA UCACELWE KAKUHLE ZEZI NDABA?

*

Awuyifundanga ngengozi le nto. Uthixo uyakuthanda. Ufuna ukunika uxolelwaniso lwezono kunye nendawo kusapho lwakhe.

Ingaba uyafuna na ukwamkela isipho sobomi obungunaphakade? Akukho siko lixakekisayo ekulandeleni oku. Isipho sifumaneka nje ngokusicela.

Ukuba impendulo yakho ngu ewe, ngokuzithoba yitsho lo mthandazo olandelayo:

Yesu ndingumoni. Ndifuna ukwamkela isipho sobomi obungunaphaka de. Ndiyakholwa ukuba unguye unyana ka Thixo. Ndiyakholwa ukuba wafa ngenxa yezono zam. Ndiyakholwa ukuba wavuka ekufeni. Ndikhetha ukubeka ithemba lam kuwe wedwa. Ndiyabulela Yesu ngesipho sobomi obungunaphakade. Amen.

UYesu watsho oku kulandelayo ngale nto ogqiba kuyenza:

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

uYohane 6:47

Oku kuthetha ukuba xa sithe sakholwa samkela ubomi obungunaphakade kwangoko. Ngokuba ukholiwe, uyakwamkela.

Ke bonke abamamkelayo [Yesu] wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

uYohane 1:12-13

Uyingxenye yosapho luka Thixo ngoku. Akukho nantoni na enokutshintsha oko - xa usana luzelwe, yena akakwazi uphind abe ngongazalwanga.

Kwixesha lakho elidlulileyo, elikhoyo, elizayo izono zakho zixolelwe Emehlweni ka Thixo, uyakuhlala ungulowo omsulwa, nje ngo YESU.

AWUSELILO IKHOBOKA LOKOYIKA...

Umntwana ezingalweni zikaYise.

Unguye

UMNTWANA KA THIXO